Xhosa hymn 18
1.Thixo, ulilanga lethu,
Uyakhaya phezu kwethu,
Umphefumlo ungabona
Apho uhambela khona.
2.Thixo, ulikhaka lethu,
Asoyik'iintshaba zethu;
Zonke ziya songwa nguWe,
Soza ngokonwaba kuWe.
3.Wosiphatha ngobubele,
Wosinika ubungcwele;
Wopha abakukhonzayo
Okuthamsanqelekayo.
4.Ithamsanqa elikhulu,
Ithamsanqa elezulu,
Likho kothembayo kuWe;
Ngokuba ethandwa nguWe. Amen.
Негізгі бет Музыка THIXO ULILANGA LETHU Hymn 18
Пікірлер: 84