Wazidala into zonke
Wena Thixo wedwa
Akwancedwa nangubani
Ukuzenza kwakho
Ezintaba ezimiyo
Zidaliwe nguwe
Zimi ziqinile zona
Ngokusekwa nguwe
Nalamanzi aselwayo
Siwanikwe nguwe
Noku kutya sikutyayo
Sikuphiwe nguwe
Wabadal' abantu wena
Ngokufana nawe
Wabanika into zonke
Bafanelwa zizo
Kwakufik' utshaba lwabo
Lwabahlutha zona
Bakudela wena Thixo
Beva izwi Lalo
Wath' ukuze basindiswe
Wenza ngezibele
Wabanika unyana wakho
Eze kubafela. Amen
Негізгі бет Wazidala into zonke - Central Methodist Mission 901 Baptismal and Confirmation Service 2023
Пікірлер